



































30
BONA XHOSA - August 1995


KUMNANDI UKUSEBENZA
NEENYOKA!


Le yindlela uMoses Mtshali awubona ngayo umsebenzi wakhe wokuba ngumgcini wazo eSnake Park eThekwini emva kokuba oyise uloyiko awayenalo phambi kokuba adibane nezi zilwanyana zoyikekayo kubalisa UZED DAVEY, kufote uDAVE ELLINGER

 UKUSUSELA mhla umntu wadalwa, inyoka isoloko eyijonga njengotshaba lwakhe. Nkqu naseBhayibhileni inxulunyaniswa nobubi, kwaye xa ucinga ukuba uyafa umntu xa elunywe yinyoka eyingozi, ubona abantu befanele ukuyoyika.
uMoses Mtshali yena uzibona ngokwahlukileyo ezi zilwanyana. Njengoko engumgcini wazo eSnake Park eThekwini, usebenza neenyoka yonke imihla kwaye kuye zinjengabantwana bendalo abaneentloni nabangeyongozi.
Kukho isaci samandulo esithi Yoyika kuphela uloyiko. Ukuze ungoyiki kufuneka uzilawule kwaye yiloo nto kanye eyenziwa nguMoses .
Xa ndandiqala ukusebenza eSnake Park kwisithuba esimalunga nonyaka, nam ndandizoyika iinyoka njengamntu wonke. Kodwa ndithe ngokuya ndifunda ngeenyoka, omawukwenze nomawungakwenzi xa ukunye nazo, ndaya ndizithanda, uMoses usithele thsuphe oko.
Iinyoka aziyongozi, ziyingozi kuphela xa zicatshukisiwe naxa uzothusa, okanye xa uzinyathele.
Inkoliso yeenyoka iyabaleka xa isiva kusondela umntu. Ekuphela kwenyoka engabalekiyo lirhamba. Alibaleki kuba liyonqena. Lithanda ukuzijik'ibala lize lizisonge engceni, liye linyathelwe ngenxa yokungaliboni - ukulinyathela ke kuko okubangela iziphumo ezibi kodlule kufuphi nalo. EMzantsi-Afrika abantu abamalunga nama-70 ekhulwini balunywa lirhamba. utshilo.
Umele wenze ntoni wakulunywa lirhamba?
Kufuneka ukhawuleze uzibophe uziqinise ngebhadeji kulo lonke elo lungu ulunywe kulo yinyoka. Ngokomzekelo, ukuba ulunywe eqatheni, sebenzisa ilaphu olikrazule ehempeni okanye ebhulukhweni ukuba akukho bhandeji onalo, bopha uqinise emlenzeni, ukusuka elunyaweni ukuya kutsho ethangeni. Ungaliqinisi kakhulu ibhandeji ngentla okanye ngezantsi kwenxeba ukuze igazi lingajikelezi njengoko abantu bekholwa kukuba oko kuyanceda kanti ngokwenjenjalo uzibeka esichengeni.
Inyathelo elilandelayo kukufumana unyango ngokukhawuleza 1o gama ixhoba lisalindile. Ixesha libalulekile kuba kusenokwenza ufe malunga neyure emva kokuba ulunyiwe yinyoka.
Ungakh'ulinge uzame ukuhlaba okanye ukufunxa kwelo nxeba lomguli. Ngenxa yemingxuma emazinyweni okanye izilonda emlonyeni ityhefu inokungena egazini, ulumkise watsho uMoses .
uMoses akoyiki ukubamba iBoomslang ekuyinyoka eyinkunzi eluhlaza, iyenye yeenyoka eziyingozi eMzantsi-Afrika.


























uMoses kufuneka anxibe iindodo ezikhethekileyo ukukhusela amehlo akhe xa ebamba iphimpi eliyingozi laseMozambique . Ukuba akananto ekhusela amehlo, angayimfama.





Inamba yeyona nyoka inkulu eMzantsi Afrika, xa uMoses eyibamba kufuneka alumke


Ngokuqinisekileyo ukuzikhusela kuseyeyona nto ilungileyo, ngoko eyona ndlela intle yokuphepha ukudibana neenyoka, ngokokutsho kukaMoses kukuba xa uhamba emadlelweni ulumke, namabala ajikeleze umzi wakho wacoce kungabikho amatye amaninzi nemithi exineneyo.


Ukutya kweenyoka kuquka iimpuku, amacikilitshe neentaka, okukhona kukho imithi exineneyo kokukhona kunokubakho iinyoka.
Ukuba kwenzeka unyathele inyoka, zola. Buy'umva bucotha uze ubaleke kangangoko. Iinyoka ziyaboyika abantu zihlasela kuphela xa zibona ukuba zixinaniselwe, ulebele watsho. 





32 BONA XHOSA- August 1995
UTracy Firetto oliGosa loNxibelelwano Noluntu leCapital Radio
UMphathi weCapital , uFred Pearson uthi Okwangoku sanelisekile ngabaphulaphul' esinabo...










Umphathi weCapital Radio , uFred Pearson , akathandabuzi ukuba
ukuyeka kwesi sikhululo inkqubo yeAfritude yaba linyathelo elihle gqitha.
Oko kungqinwa nangamanani eeAMPS abonisa ukuba linyukile inani labaphulaphuli besi sikhululo ukususela oko siyilaxazile inkqubo yeAfritude .
Inkqubo yeAfritude yayingenangxaki xa yayicetywa, utshilo uFred empakuza umdiza wakhe.
Le nkqubo yayisenza ukuba kudlalwe kakhulu umculo waseAfrika, nto leyo yabagxothayo abaphulaphuli abaninzi abamhlophe neyenza ukuba singayifumani imali ngenxa yokurhoxa kweeenkampani ezibhengezayo.
Nangona saba nalo lahleko, safumana abaphulaphuli abaninzi abantsundu, kwaye njengokuba ngoku sinenkqubo ye-Urban Pop , siya sifumana abaphulaphuli abaninzi abatsha. Ngoku zibuyile iinkampani ezifuna sikhuphe izibhengezo zazo, utshilo.
Xa uPearson ethetha ngabantu abantsundu uquka namaNdiya , abeBala nabaNtsundu.
Baninzi abelungu abangenawo umoya wocalucalulo ababesiphulaphula isikhululo sethu nangona sasisenenkqubo yeAfritude . Abo baphulaphuli basasithanda isikhululo sethu yaye bayasixhasa, utsho.
uPearson ulibona liqaqambile ingomso leCapital Radio njengoko zisanda izikhululo zikanomathotholo ezizimeleyo ezinikwa iilayisensi zokusasaza.
Esawukhumbula umzabalazo abawenze nabasebenzi bakhe kwi-Independent Broadcasting Authority ( iIBA) ebisithi iCapital Radio mayidibane neEast Coast Radio (ebifudula isaziwa ngeRadio Port Natal ), uPearson uqinisekile ukuba ekugqibeleni, esi sikhululo siza kuvunyelwa siqhubeke nokusasaza asizunyanzelwa ukuba sidibane nesinye okanye sibizwe ngokuba sisikhululo soluntu kuba sinamakhonkco nelizwana elalifudula liyiTranskei .
iCapital Radio inembali entle eboniswa kwiindonga zayo ezigqunywe ngeglasi zeeofisi zayo ezintle eziseBeachfront eThekwini ukususela ekungeneni de uye kutsho ngaphakathi eziofisini .
Abasasazi abaninzi abaziwayo baqala ukusasaza kwiCapital , kuquka-
UCassandra Sandy Moodley onguMhleli weeNdaba. Eli nenekazi lisoloko lonwabile lalifudula lisebenza kwiWEEKLY MAIL yaye linoxanduva lokuqinisekisa ukuba uhlala uxhomile umgangatho weendaba
IBUYELE KWINKQUBO YAYO ENDALA ICAPITAL RADIO !

ICapital Radio , isikhululo esizimeleyo sikanomathotholo esiseThekwini esidume ngokusasaza iindaba, umculo neenkqubo ezinemfundiso, iguqule inkqubo yayo ye-Afritude endaweni yayo isebenzisa ingxubevange yomculo ekuthiwa yi-Urban Pop . Kutshanje UMIKE MTAKATI noGAVIN CRUTCHLEY ongumfoti batyelele kwesi sikhululo





BONA XHOSA - August 1995 33

ka uBarry Ronge , uKevin Savage , uOscar Renzi ongasekhoyo, uJohn Berks , uTreasure Tshabalala, uManu Padayachee okwi-Mnet , uBarry Lambert , uAllan Pierce , uDAVE Guiselli , uMeshack Mokoena (obuyeleyo kwiCapital Radio ), uJim Elroy nabanye abaninzi abaphambili ekusasazeni.
Uninzi lwaba basasazi baya kusebenza kwizikhululo zikanomathotholo ezahlukeneyo zeSABC (ingakumbi kwiRadio 5) nakuTV 1.
Silahlekelwe ngabasasazi abaninzi abanesiphiwo ngaphambili, kodwa nangona kunjalo sisenabona basasazi baphambili kweli.
Isikhululo esikhuphisana nathi sithi xa sifuna umsasazi oqeqeshiweyo sizibuze ukuba: Singeba wuphi umsasazi eCapital Radio ? utshilo ehleka.
iCapital inabasasazi abali-11 neqela leendaba elipheleleyo. Abasasazi bayo baquka abadumileyo abanjengo Zak Makuyi, uMeshack Mokoena, uKenny Maistry , uRavi Naidoo , uMsizi Shembe, Steve Bishop , uAllan Pierce , uAdrian Aorvik , uAlan Khan , uJustice Ramahlola noEamonn Hill .
Kwicala lemidlalo, uRichard Jardine noAndre Bloem bayathandwa ngabaphulaphuli kwiinkqubo zemidlalo.
Esi sikhululo sinabasasazi abathandathu abafunda iindaba, abaphinde babe ngoonondaba abangaphantsi kukaCassandra Moodley , ongumhleli weendaba.
Xa simbuza ukuba kuphi apho baninzi abaphulaphuli besikhululo sakhe, uPearson uthe banabaphulaphuli abaninzi eMpuma- Koloni , Kwazulu- Natal nakwezinye iindawo zaseFreyistata .
Liyasonwabisa inani labaphulaphuli bethu, yaye sakufumana imvume yokusasaza kwiFM , siza kunabela nakweminye imimandla. Nangona sifumaneka eJohannesburg ngorhatya, sicele ukuba sinikwe ilungelo lokusasaza kwiFM , utsho.
Yinto eyaziwa ngokuphandle ukuba urhulumente wocalucalulo akazange ayinike iCapital Radio ilungelo lokusasaza kwiFM kuba usoyika ukuba iya kukhuphisana neRadio 5.

Ukususela kwinyanga ezayo siza kunikhuphela amanqaku angobomi babasasazi beCapital Radio 

44 BONA XHOSA- August 1995
UDONALD WAXHOMA ESIKOLWENI NGENXA YOKUTHANDA IBHOLA


uDonald Dzagana, indoda yaseMntla- Transvali ethenge iqela leD'Alberton Callies , wayeka isikolo esemncinane ukuze adlale ibhola

UNOKUCINGA ukuba ukufunda nemidlalo zizinto ezisoloko zisenziwa ngexesha elinye. Kwakhona unokucinga ukuba imfundo kufanele kube yeyona nto iphambili kunokudlala
ibhol'ekhatywayo xa uceba ingomso lakho.
Uninzi lolutsha nabazali bafikelwa yiloo ngcingane xa beceba ingomso.
uDonald Dzagana, othenge iqela laseThekwini, iD'Alberton Callies , akazange ayamkele yena into yokuba  yimfundo ebaluleke ngaphezu kwebhola .
Ndandiphambene kukuthanda ibhola  kangangokuba ndandiqhwesha esikolweni okanye ndingayi ndiyobukela iKaizer Chiefs xa id1a1a.
Ndandingumfaki wamanqaku ophambili ngelo xesha kwiqela lengingqi yethu,  iRabali Blackpool .
Ngenye imini andizange ndiye esikolweni ndaya kubukela umdlalo weKaizer
Chiefs  owawuphakathi neveki eJohannesburg .  Inqununu yesikolo yayiva loo nto yaza yafuna ukundohlwaya ngeso senzo,  kodwa  andizange ndivume ukohlwaywa, ndabaleka ndagoduka. Kwafuneka ndikhethe phakathi kokuba ndohlwaywe  nokuxhoma esikolweni . Ndaxolela ukuxhoma esikolweni .
Ukohlwaywa kwam kwakuza kwenza nezinye iititshala zindigade ndize ndingalifumani ithuba  lokuyobukela imidlalo yebhola . Ndandizimisele ukungaphoswa nangomnye umdlalo.
Ngoku lo mfo ungumlandeli weKaizer Chiefs uneshishini elimileyo leeteksi kwingingqi yaseVenda eMntla- Transvali .
Ebutsheni ba1o nyaka umangalise


 abantu abaninzi ngokukhupha amawakawaka eerandi ethenga iD'Alberton Callies kuLites Sayed waseThekwini waza wayitshintsha yabizwa ngokuba yiRabali : Blackpool , yaye ikomkhulu layo: laseThohoyandou.
uDonald otshatileyo  nonabantwana ababini uthi akazisoli ngokuxhoma kwakhe esikolweni kuba efuna ukuzibandakanya kwibhol'ekhatywayo .
Usayithanda iKaizer Chiefs , kodwa, ngoku ufuna ukwenza iBlackpool ibe
liqela elomeleleyo elinokubetha iChiefs .


yaye libe lelinye lamaqela aphambili kwimidlalo yeCastle yeNational Soccer League .
Kutshanje iqela lakhe libe nelishwa lokufunyanwa linetyala lokudlalisa abadlali abangabhaliswanga laza laxhuzulelwa amanqaku amathandathu  yikomiti yamatyala yeNSL .
Oku kulenze lasekugqibeleni eli qela kuluhlu lwamaqela eligi yaye ngoku lizama ukusuka kwindawo elikuyo kungenja1o liza kuthotyelwa kwisecond Division kunyaka ozayo.
uDonald akakhange afune kwenza  lizwi ngombandela wokuxhuzulwa kwamanqaku eqela lakhe, qha yena unethemba lokuba iqela lakhe alizuthotyelwa kwisecond Division .
Isemininzi  gqitha imidlalo esiza kuyidlala. Indlela  isende, nathi sinokusinda ezembeni. Amanye amaqela ebesinda ezembeni sekusele imidlalo emihlanu kuphela. Nathi sinako ukukwenza   oko.
Ibisoloko ingumnqweno omkhulu kaDonald ukuba neqela elid1ala kwifirst Division xa ebenguxmnini  weRabali Blackpool nomlandeli weChiefs .
Ndineshishini  elimileyo leeteksi , kodwa bendisoloko ndiyithanda ibhola . Bendifuna  nokubenzela okuthile abantu bengingqi yam. Bendifuna babe neqela abanokulixhasa nabaneqhayiya ngalo. Sendinexesha elide ndizama ukuba iBlackpool ingene kwifirst Division , kodwa kunzima.
uDonald waqala nyakenye ukuthetha-thethana noLites Sayed ngokuba amthengisele iCallies . Ingxaki yaba  kukuba iCallies yayilelinye lamaqela amane aphantsi kwiligi .
Kodwa ndazixelela ukuba xa ndingalifumani iqela elikwifirst Division ndiya kuthenga elid1ala kwisecond Division . Ndandingakhathali mna kukuba iCallies isezantsi kwiligi .
Ngelo xesha kwakungoJulayi yaye abaphathi balo bathi mandikhethe phakathi kokulithenga ngelo xesha okanye ndilinde ukuze ndibone ukuba ndiyalithenga na lakusinda ezembeni.
Ndakhetha ukulinda de ligqibe imidlalo yalo kuba laselisalelwe yimidlalo e1ithoba. Ndaya emd1alweni walo wokugqibela nePirates kuba ndifuna ukubona indlela eliza kuqhuba ngayo. Ladlala ngokuntanganye nePirates , laba liyasinda ezembeni.
Ndahlala eThekwini, kodwa ndamangaliswa kukuba abaphathi balo bathi inyukile imali ebesivumelene ngayo ngezolo.
uDonald akazange avume ukuhlawula ixabiso elitsha, waza wathethana nabanini be1inye iqela lebhola laseThekwini, iRoyal Tigers . Ngelo xesha iTigers beseyithotyelwe kwisecond Division .
Kuthe kulo nyaka xa ndisiya kubaphathi beTigers siyoqoshelisa umcimbi wethu wokuthengiselana eli qela, ndadibana noLites Sayed eJohannesburg .
Kwasekusele iveki enye iqalise imidlalo yeligi , uSayed wandibuza ukuba ndisenomdla na wokulithenga iqela lakhe ngexabiso esasivumelene ngalo kuqala.
Wavuma uDonald ukuyithenga iCallies , waba uyalifumana iqela elid1ala kwifirst Division . 



28BONA XHOSA - AUGUST 1995

32 BONA XHOSA - August 1995

	sineminyaka eli-16 sisasaza....

44 BONA XHOSA - August 1995

		BONA XHOSA - August 1995 45

